factograf
XH

UMseki wobuBuddha

UGautam Buddha

UGautam Buddha

-UGautam Buddha nguSiddhārtha Gautam, umntu owaqala inkolo yeBuddhism. Wadla amazimba ukususela kumnyaka we 1944 BC ukuya kumnyama we 1864 BC. Ukwabizwa ngokuba nguSakyamuni okanye uTathāgat.

Iminyaka yobutsha bakhe

USiddhārtha Gautama(Sidaaha) wazalelwa kubukumkani bamaKapilvastu eNepal. Kunamhlanje nej le ndawo yokuzalwa kwakhe kuthiwa yiLumbini, eNepal. Ngelo xesha, isiduko esithi Shakya's sasilawula amaKapilvastu. Uyise wayeyikumkani eyayibizwa ngokuba nguSuddodana Tharu, kwaye unina wayeyinzwakazi uMahamaya. USiddhārtha wayephila impilo etofotofo; uyise engafuni ngxaki nakusebenza nzima kufuphi nonyana wakhe. Isiprofetho sabona okokuba ukuba uSiddhārtha angahlala ngaphakathi kwibhotwe lakhe ubomi bakhe bonke, uyakuba yikumkani egqibeleleyo. Kodwa ukuba ukhe walishiya ibhotwe, uyakuba yinkokheli eqgibeleleyo kwenzenkolo. Ikumkani The kinayizange ifune okokuba unyana wayo abe yinkokheli yezenkolo. Wamgcina ke uSiddhartha ehleli bhotwe bonke ubomi bakhe bobuntwana.

Uthe apha ekukhuleni kwakhe, uyise wambonela intombi uSiddhārtha ukuba ayenze inkosikazi yakhe xa aminyaka ili-16. Waza ke wanenkosikazi egama layo linguYashodhara, baza banonyana, uRahul. Nangoma uGautama wayenayo yonke into ayifunayo, wayengonwabanga. wayefuna ukufunda ngentsingiselo yokubakho kwakhe emhlabeni.

Wasuka waphuma apho kwelo bhotwe ngaphandle kwemvume kayise. Wabona "izithunzi ezine zigqitha": indoda endala eyayisisiqhwala, indoda egulayo, indoda ebhubhileyo, kunye nendoda engcwele engenakhaya. kulapho kanye uGautama waqala waqonda khona okokuba akukho nto inokumnqanda umntu ukuba angazalwa, angabimdala, angaguli, nokuba angafi. Wenza isigqibo sokokuba anikele ngobomi bakhe basemhlabeni. akazange ayigcine inkosikazi yakhe, abantwana bakhe, ubutyebi bakhe kwibhotwe. Wayeyakuba yindoda engcwele engenakhaya. Wayezakufuna impendulo kwingxaki yokuzalwa, ukuguga, ukugula, nokufa. Walishiya ikhaya lakhe ezinzulwini zobusuku.

Read next

In 219 languages

xhадыгабзэAfrikaansAlemannischአማርኛaragonésÆngliscअंगिकाالعربيةܐܪܡܝܐالدارجةمصرىঅসমীয়াasturianuअवधीazərbaycancaتۆرکجهбашҡортсаBasa BaližemaitėškaBikol Centralбеларуская (тарашкевіца)беларускаяBetawiбългарскиभोजपुरीBislamaပအိုဝ်ႏဘာႏသာႏbamanankanবাংলাབོད་ཡིགbrezhonegbosanskiBatak Mandailingбуряадcatalà閩東語 / Mìng-dĕ̤ng-ngṳ̄нохчийнCebuanoکوردیcorsuqırımtatarcačeštinaчӑвашлаCymraegdanskdagbanliDeutschdolnoserbskiडोटेलीΕλληνικάEnglishEsperantoespañoleestieuskaraestremeñuفارسیsuomivõroNa Vosa VakavitiføroysktfrançaisarpetanNordfriiskfurlanFryskGaeilge贛語GàidhliggalegoAvañe'ẽगोंयची कोंकणी / Gõychi Konknni𐌲𐌿𐍄𐌹𐍃𐌺ગુજરાતીHausa客家語 / Hak-kâ-ngîעבריתहिन्दीFiji HindihrvatskiKreyòl ayisyenmagyarհայերենinterlinguaBahasa IndonesiaInterlingueIgboIlokanoIdoíslenskamedžuslovjanskyitaliano日本語Patoisla .lojban.JawaქართულიJjuадыгэбзэқазақшаភាសាខ្មែរಕನ್ನಡYerwa Kanuri한국어کٲشُرkurdîkernowekкыргызчаLatinaLëtzebuergeschлезгиLingua Franca NovaLugandaLigureLadinlombardລາວlietuviųlatviešuमगहीमैथिलीBasa BanyumasanMalagasyMinangkabauмакедонскиമലയാളംмонголꯃꯤꯇꯩ ꯂꯣꯟဘာသာမန်मराठीBahasa MelayuMaltiMirandésမြန်မာဘာသာمازِرونیNapulitanoPlattdüütschनेपालीनेपाल भाषाNederlandsnorsk nynorsknorskoccitanlivvinkarjalaଓଡ଼ିଆиронਪੰਜਾਬੀPapiamentuपालिpolskiPiemontèisپنجابیپښتوportuguêsRuna Simiရခိုင်românăarmãneashtiрусскийрусиньскыйIkinyarwandaसंस्कृतम्саха тылаᱥᱟᱱᱛᱟᱲᱤsardusicilianuScotsسنڌيSängösrpskohrvatski / српскохрватскиTaclḥitတႆးසිංහලSimple EnglishslovenčinaslovenščinaGagana SamoachiShonaSoomaaligashqipсрпски / srpskiSesothoSundasvenskaKiswahiliSakizayaதமிழ்ತುಳುᥖᥭᥰ ᥖᥬᥲ ᥑᥨᥒᥰతెలుగుтоҷикӣไทยTagalogtoki ponaTok PisinTürkçeтатарча / tatarçareo tahitiтыва дылукраїнськаاردوoʻzbekcha / ўзбекчаTiếng ViệtVolapükwalonWinarayWolof吴语მარგალურიייִדישYorùbáVahcuenghZeêuws文言閩南語 / Bân-lâm-gí粵語中文isiZulu

Text from Wikipedia, CC BY-SA 4.0 · Source article